Return to Video

Udibaniso olukumgangatho wesi-BINI

  • 0:01 - 0:19
    Wamkelekile kwingcaciso yodibaniso olukumgangatho wesibini.
  • 0:19 - 0:28
    Ndicinga ukuba masiqale sifumanise ngeengxaki ezimbalwa kwaye,
  • 0:28 - 0:35
    ndiyathemba ukuba njengoko sisebenza ngazo, uza kuba
  • 0:35 - 0:35
    nolwazi lweendlela zokusombulula ezi ngxaki zahlukeneyo. Make sibone...
  • 0:35 - 0:36
    Mandiqinisekise ukuba usiba lokubhala luyasebenza. Kulungile.
  • 0:36 - 0:36
    Masithi bendineshumi elinanye endilidibanise nesine.
  • 0:36 - 0:37
    Ekuqaleni ungathi, yhe Sal, uyayazi into yokuba ishumi elinanye nesine, andikakwazi ukudibanisa
  • 0:37 - 0:37
    amanani anemivo emibini.
  • 0:37 - 0:38
    Ngoko ke, kukho iindlela ezimbalwa esinokusombulula ngazo oku.
  • 0:38 - 0:40
    Ekuqaleni ndiza kukubonisa indlela ekumele udibanise ngayo
  • 0:40 - 0:41
    amanani anomvo omnye kwaye ungasebenzisa uhlobo ekuthiwa kukunyusa
  • 0:41 - 0:43
    ukusombulula yonke le ngxaki.
  • 0:43 - 0:46
    Ze emva koko sizame ukubonisa
  • 0:46 - 0:47
    indlela onokuthi usombulule olu hlobo lwengxaki
  • 0:47 - 0:49
    nase ngqondweni yakho.
  • 0:49 - 0:51
    Ngoko into ekufuneka uyenzile ngolu hlobo lwengxaki kukuba uqale ujonge
  • 0:51 - 0:56
    kowona mvo usekunene kwishumi elinye.
  • 0:56 - 0:58
    Oku sikubiza njengokuba yindawo yoononye, akunjalo?
  • 0:58 - 1:00
    Kuba eli nani lilinye, ngoko indawo yalo siyibiza ngokuba yindawo yamashumi.
  • 1:00 - 1:02
    Ndiyazi ukuba ndizabhida kakhulu, kodwa ke le yindlela izinto ezibonakala ngayo--kananjalo
  • 1:02 - 1:04
    yonke into iyacaca ekugqibeleni.
  • 1:07 - 1:09
    Ngoko, ujonga kwindawo yeli nani, ze uthi kukho isinye phaya.
  • 1:09 - 1:12
    Uthatha esa sinye uze usidibanise nenani elingezantsi kwalo ngqo.
  • 1:12 - 1:14
    ngoko ke isinye xa usidibanisa nesine zenza isihlanu.
  • 1:14 - 1:16
    ubuyazi le nto, akunjalo?
  • 1:16 - 1:20
    Akunjalo? Uyayazi into yokuba isinye xa usidibanisa nesine zenza isihlanu
  • 1:20 - 1:22
    yiyo yonke into endiyenzileyo apha.
  • 1:22 - 1:26
    besenditshilo ukuba esi sinye xa usidibanisa nesi sine zenza isihlanu.
  • 1:26 - 1:27
    ngoku ndiya kwesi sinye.
  • 1:27 - 1:29
    esi sinye xa usidibanisa-- hayi, akukho nto apha ngaphandle kophawu lokudibanisa.
  • 1:29 - 1:31
    yaye asilonani.
  • 1:31 - 1:33
    ngoko esi sinye xa usidibanisa nento engekhoyo zenza isinye.
  • 1:33 - 1:36
    sibhala isinye apha.
  • 1:36 - 1:40
    ngoko sifumanisa ukuba ishumi elinanye xa ulidibanise nesine zenza ishumi elinesihlanu.
  • 1:40 - 1:45
    ukuze uqonde ukuba olu hlobo lokubala luyasebenza,
  • 1:45 - 1:46
    masiluzobe ngeendlela ezahluka-hlukeneyo
  • 1:46 - 1:49
    ukukunika ingcinga ngesiphumo sodibaniso lweshumi elinanye nesine.
  • 1:49 - 1:55
    ngoko, ukuba bendineebhola ezilishumi elinanye--inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu,
  • 1:55 - 1:59
    zisixhenxe, zisibhozo, zilithoba, zilishumi, zilishumi elinanye.
  • 1:59 - 2:04
    Lishumi elinanye , akunjalo? --inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu,zisixhenxe, zisibhozo, zilithoba, zilishumi, zilishumi elinanye. Kulungile, mandiyenze ngendlela abenza ngayo kwiSesame Stree. (ecula) "inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu, zisixhenxe, zisibhozo, zilithoba, zilishumi-" Owu, ndicinga ukuba ndiphazamile. Lishumi elinanye. Phofu! Kuselithuba. ndiziqhathile kancinci.
  • 2:15 - 2:18
    kulungile! ngoko lishumi elinanye kwaye sizo dibanisa isine kwishumi elinanye.
  • 2:18 - 2:23
    Ngoko zinye, zimbini, zintathu, zine.
  • 2:23 - 2:24
    ngoko ke ekufuneka sikwenzile kukubala ukuba zingaphi izangqa
  • 2:24 - 2:28
    okanye iibhola esinazo ngoku.
  • 2:28 - 2:34
    Zinye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu, zisixhenxe, zisibhozo,
  • 2:34 - 2:40
    zilithoba, zilishumi, zilishumi elinanye, zilishumi elinambini, zilishumi elinesithathu, zilishumi elinesine, zilishumi elinesihlanu.
  • 2:40 - 2:42
    Zilishumi elinesihlanu, kwaye andikukhuthazi ukuba wenzelento lonke ixesha usombulula
  • 2:42 - 2:44
    ingxaki ngoba izakubangela uthathe ixesha elide.
  • 2:44 - 2:46
    kodwa heee, ukuba uye ubhideke, kulungile ukuthatha
  • 2:46 - 2:48
    ixesha elide kunokuba wenze impazamo.
  • 2:48 - 2:51
    make sigcinge enye indlela yokubonakalisa le nto, ngoba
  • 2:51 - 2:53
    ndicinga ukuba iindlela zembonakalo zibonakala ngendlela
  • 2:53 - 2:54
    ezahlakuneyo kubantu abahlukileyo.
  • 2:54 - 2:56
    masizobe umgca manani
  • 2:56 - 2:58
    andazi nokuba wawubona na umgca manani ngaphambili kodwa
  • 2:58 - 3:01
    uzokuyi bona ngoku.
  • 3:01 - 3:04
    umgca manani, ndiyenza le nto ngoku zoba onke
  • 3:04 - 3:05
    la manani ngoku landelelana kwawo.
  • 3:05 - 3:14
    injalo iqanda, inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu--- ndiwenza mancinane kwenzela ndiyazi
  • 3:14 - 3:24
    ndingafikela kwishumi elinesahlanu, zintandathu--- zisixhenxe, zisibhozo, zilithoba, zilishumi, ishumi elinanye, ishumi elinambini, ishumi elinesithathu, ishumi elinesine, ishumi elinasihlanu, ishumu elinesithandathu, ishumi elinesixhenxe, ishumi elinesibhozo.
  • 3:36 - 3:39
    kwaye ezimpawo zezalathiso zithetha ukuba amanani aqhubekeka
  • 3:39 - 3:41
    kwiindlela zozibini.
  • 3:41 - 3:43
    ndiyazi ukuba kusekutsha kuwe ukufunda lento, kodwa
  • 3:43 - 3:44
    phofu amanani ayakwazi ukuqhubekela
  • 3:44 - 3:45
    ekhohlo ngaphantsi kwe qanda.
  • 3:45 - 3:47
    ndizakuyeka uyicinge lento.
  • 3:47 - 3:49
    kodwa, make sibuyele kulo mbuzo.
  • 3:49 - 3:52
    ngoko sine shumi elinanye, mandenze isangqa kwi shumi elinanye-- yhima ndibone liphi ishumi elinye
  • 3:52 - 3:53
    kumgca manani.
  • 3:53 - 3:55
    ishumi elinanye lilaphi, akunjalo?
  • 3:55 - 3:57
    lishumi elinanye eli.
  • 3:57 - 3:58
    ngoko sidibanisa isine.
  • 3:58 - 4:03
    xa udibanisa, lo nto itheta ukuba sinyusa ishumi elinanye nge sine.
  • 4:03 - 4:05
    ngoko xa wenyusa sizohamba ngomgca manani,
  • 4:05 - 4:07
    injalo, okanye sizoya ngase kunene kumgca manani
  • 4:07 - 4:08
    ngoba amanani aye esiba makhulu.
  • 4:08 - 4:15
    ngoko sizokuthi inye, zimbini, zintathu, zine---bam!
  • 4:15 - 4:17
    sikwi shumi elinesihlanu.
  • 4:17 - 4:21
    kwakhona, oku kuthatha ixesha elide, kodwa ukuba uye
  • 4:21 - 4:23
    ubhideke okanye ulibale ukuba ufumana ntoni xa udibanise isinye ne sine, nangona ndingacingi
  • 4:23 - 4:25
    ungeza njalo, ngoko yenze ngole ndlela.
  • 4:27 - 4:33
    make senze eminye imibuzo enzima ngoku.
  • 4:33 - 4:43
    makesenze amashumi amabini anesibhozo xa edityaniswe nesixhenxe.
  • 4:43 - 4:47
    kulungile. isibhozo esidityaniswe nesixhenxe-- ndizakuxelela, nanamhlanje,
  • 4:47 - 4:50
    ndinamaxesha ndibhideke sisibhozo xa sidityaniswa nesixhenxe.
  • 4:50 - 4:52
    ngoko make-- ukuba uyayazi impendulo sowuyazi ukusombulula le
  • 4:52 - 4:54
    ngxaki, ungabhala impendulo
  • 4:54 - 4:56
    apha.
  • 4:56 - 4:58
    kodwa masiyizobe kumgca manani, ngoba ndicinga kancinci
  • 4:58 - 5:01
    ukuba ukuziqhelanisa nodibaniso akufuneki
  • 5:01 - 5:02
    kulomgangatho.
  • 5:02 - 5:05
    ngoko masiyenze ngomgca manani kwakhona.
  • 5:05 - 5:08
    isobhozo esidityaniswe nesixhenxe.
  • 5:08 - 5:12
    ngelilixa andizukuqala kwiqanda, ndizoqala kwisihlanu, ngoba, uyayaza
  • 5:12 - 5:13
    ukuba uqhubeka uzofikela kwi qanda ekugqibeleni.
  • 5:13 - 5:29
    ngoko masibone ufumane isihlanu, isithandathu, isixhenxe, isibhozo, ithoba, ishumi, ishumi elinanye, ishumi elinesibini, ishumi elinesithathu, ishumi elinesine, ishumi elinesihlanu,
  • 5:29 - 5:33
    ishumi elinesithandathu, ishumi elinesixhenxe, ishumi elinesibhozo, njalo njalo.
  • 5:33 - 5:35
    kwaye izoqhubeka kwikhulu, kunye ne waka
  • 5:35 - 5:37
    namawaka waka.
  • 5:37 - 5:39
    ngoku senza ni?
  • 5:39 - 5:40
    siqala kwi sibhozo ngoba olu ludibaniso lwesibhozo nesixhenxe.
  • 5:40 - 5:44
    sufuna ukubona yintoni impendula xa sidibanise isobhozo nesixhenxe.
  • 5:44 - 5:47
    ngoko singaqala kwisibhozo.
  • 5:47 - 5:48
    kwaye sizodibanisa isixhenxe.
  • 5:48 - 5:49
    makendi ndahlule imibala.
  • 5:49 - 5:58
    ngoko inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu, zisixhenxe.
  • 5:58 - 5:59
    oh, ishumi elinesihlanu liyabonakala kwakhona.
  • 5:59 - 6:02
    ngoko xa udibanisa isibhozo kunye nesixhenxe ufumana ishumi elinesihlanu.
  • 6:02 - 6:04
    emva kwexesha xa uziqhelanisa, ndicinga ukuba uzakunqaya
    ukuba
  • 6:04 - 6:08
    isibhozo xa usidibanise nesixhenxe ufumana ishumi elinesihlanu, isithandathu xa usidibanisa nesixhanxe
  • 6:08 - 6:11
    ufumana ishumi elinesithathu.
  • 6:11 - 6:13
    kodwa ongwako akuhluphi ukwenza lo mgca
  • 6:13 - 6:16
    manani ngoba ekugqibeleni uzobano mfanekiso walento yenzekayo.
  • 6:16 - 6:18
    kwaye ungayenza nangezangqa.
  • 6:18 - 6:20
    ngoko siyayazi xa udibanise isibhozo nesixhenxe sifumana ishumi elinesihlanu.
  • 6:20 - 6:22
    ngoko le yinto entsha ozakuyifunda ngoku.
  • 6:22 - 6:24
    awulibahli ke ngoko ishumi elinesihlanu apha.
  • 6:24 - 6:29
    ubhala isihlanu--- ubhala isihlanu apha.
  • 6:29 - 6:33
    kwaye esisinye, usinyuse esisinye.
  • 6:33 - 6:35
    ubeke apha.
  • 6:35 - 6:39
    ndicinga ukuba kwisifundo esizayo ndizakucacisa
  • 6:39 - 6:42
    kutheni le ndlela isebenza kwaye unganawo nomfanekiso ngqondweni
  • 6:42 - 6:46
    ngoba isinye sikwi ndawo yeshumi, kwaye le
  • 6:46 - 6:47
    ndawo yeyeshumi.
  • 6:47 - 6:49
    andifuni kubhida.
  • 6:49 - 6:51
    ngoku unaso esasinye, sidibanise
  • 6:51 - 6:55
    sesibini, impendulo yakho ngamashumi mathathu anesihkanu.
  • 6:55 - 6:59
    kulungile? ngoba isinye xa usidibanise nesi bini ufumana isithathu, akunjalo?
  • 6:59 - 7:00
    ngoko ugqibile.
  • 7:00 - 7:02
    amashumi mathathu aneshihlanu.
  • 7:02 - 7:03
    ngoko ungabuza, iyavakala na into yokuba
  • 7:03 - 7:07
    amashumi mabini adityaniswe nesishenxe ufumana amashumi mathathu anesihlanu?
  • 7:07 - 7:09
    kwaye kukho iindlela ezininzi endinanocinga ngazo ngalento.
  • 7:09 - 7:13
    ngoko, isibhozo xa usidibanise nesixhenxe siyayazi sifumana ishumi elinehlanu, akunjalo?
  • 7:13 - 7:14
    kwaye andiyazi ukhululeke kangakanani
  • 7:14 - 7:16
    ngamanani amkhulu.
  • 7:16 - 7:18
    kodwa ishumi elinesibhozo esidityaniswe nesixhenxe-- njonga lo mfuziselo
  • 7:18 - 7:23
    isibhozo osidanise nesixhenxe ufumana ishumi elinesihlanu.
  • 7:23 - 7:25
    ishumi elinesibhozo usidibanise nesixhenxe-- inokuba uthi, Sal,
  • 7:25 - 7:28
    ulifumana phi ishumi elinesibhozo, ndithembe.
  • 7:28 - 7:30
    ishumi elinesibhozo udibanise nesixhenxe ufumana amashumimabini anesihlanu.
  • 7:30 - 7:37
    ishumi elinesibhozo udibanise nesixhenxe ufumana amashumi mathathu anesihlanu, yile sigqiba kuyenza.
  • 7:37 - 7:39
    eli liphawu lokuqondisa.
  • 7:39 - 7:42
    kwaye if uqhubekile, uthe amashumi mathathu anesihlanu udibanise isixhenxe, lonto
  • 7:42 - 7:43
    ibangela ufumane amashumi amane anesihlanu.
  • 7:43 - 7:46
    ngoko ungabona umfuziselo omncinci, kwaye ungakehlale
  • 7:46 - 7:48
    ucinge ngalento okwethutyana ukuba uyafuna.
  • 7:48 - 7:50
    mhlawumbi ungayima okwethutyana ividiyo.
  • 7:50 - 7:52
    enye indlela ongacinga ongacinga ngayo impendulo ukuba
  • 7:52 - 7:58
    awundikholelwa kukuba uthi ewe, ukuba ndinama shumi mabini anesibhozo, ukuba ndidibanisa isinye ndifumana amashumi mabini anethoba,
  • 7:58 - 8:02
    ukuba ndidibanisa isibini ndifumana amashumi amathathu, ukuba ndidibanisa isithathu ndifumana amashumi mathathu ananye.
  • 8:02 - 8:05
    ukuba ndidibanisa isine ndifumana amashumi amathathu anesibini.
  • 8:05 - 8:08
    ukuba ndidibanisa isihlanu ndifumana amashumi amathathu anesithathu.
  • 8:08 - 8:12
    ukuba ndidibanisa isithandathu ndifumana amashumi amathathu anesine.
  • 8:12 - 8:14
    kwaye ukuba ndidibanisa isixhenxe ndifumana amashumi amathathu anesihlanu kwakhona.
  • 8:14 - 8:16
    kulungile, konke endikwenzileyo ndiqhubeke ndisithi oh, ukuba bendine sininzi
  • 8:16 - 8:20
    ndizofumana isininzi esinykayo--- elinani kancinci libali khulu.
  • 8:20 - 8:21
    masenze eminye imibuzo, kwaye ndicinga
  • 8:21 - 8:22
    senze ezinye ezininzi.
  • 8:22 - 8:24
    masiphendule ngomgangatho ophezulu ngoba ungakufumana
  • 8:24 - 8:26
    okusikwenzayo apha.
  • 8:26 - 8:28
    masenze enzima.
  • 8:28 - 8:33
    masiphendule amashumi alithoba adityaniswe nethoba.
  • 8:33 - 8:35
    ngoko ufumana ntoni xa udibanise amashumi alithoba nethoba?
  • 8:35 - 8:38
    ngoko ukuba awuyazi impendulo kulombuzo, ungayenza
  • 8:38 - 8:41
    ngo sebenzisa umgca manani okanye ngozoba iingqa. kwaye, uyazi
  • 8:41 - 8:42
    yeyona ndlela ilungileyo yokufumana imopendulo, nangona
  • 8:42 - 8:44
    ekugqibeleni uzokwazi.
  • 8:44 - 8:51
    ithoba xa ulidibanise nethoba ufumana ishumi elinesibhozo, ithoba xa ulidibanise nethoba ufumana ishumi elinesibhozo... ngoko ithoba xa ulidibanise nethoba.... kwaye
  • 8:51 - 8:55
    ubeka isibhozo apha unyuse isinye.
  • 8:55 - 8:57
    kwaye ngoku uthi nye dibanisa thoba.
  • 8:57 - 8:58
    ngoko uyayazi ufumana ntoni xa udibanise isinye nethoba.
  • 8:58 - 9:01
    nye dibanisa thoba ufumana ishumi.
  • 9:01 - 9:05
    kwaye akukho ndawo yonyusa esisinye, ngoko ubhala
  • 9:05 - 9:07
    yonke impendulo apha.
  • 9:07 - 9:12
    ngoko amashumi alithoba xa edityaniswe nethoba ufumana ikhulu elinesibhozo.
  • 9:12 - 9:16
    masiphundelo umbuzo wokugqibela.
  • 9:16 - 9:22
    masithi amshumi mahlanu anesithandathu udibanise nesixhenxe.
  • 9:22 - 9:24
    ngoko, ufumana ntoni xa udibanise isithandathu nesixhenxe.
  • 9:24 - 9:30
    xa udibanise isithandathu nesixhenxe ufumana ishumi elinesithathu, akunjalo?
  • 9:30 - 9:33
    ukuba uyabhideka, zoba phantsi yonke into.
  • 9:33 - 9:34
    ngoko ufumane isinye esidityaniswe nesihlanu.
  • 9:34 - 9:36
    nye dibanisa ntlanu ufumana isithandathu.
  • 9:36 - 9:37
    amashumi mathandathu anesithathu.
  • 9:37 - 9:39
    ngoko ungafuna uzinika eminye imibuzo
  • 9:39 - 9:42
    kwaye ndicinga uyayiqinda ngoku,
  • 9:42 - 9:45
    ukulungele ukuzama umgangatho wesibini wodibaniso.
  • 9:45 - 9:47
    uyonwabele!
  • Not Synced
    njalo njalo.
Title:
Udibaniso olukumgangatho wesi-BINI
Description:

Adding a 2 digit number to a 1 digit number. Introduction to carrying.

more » « less
Video Language:
English
Duration:
09:48
Afrika Unite edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Afrika Unite edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Afrika Unite edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Unathi Smile edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Unathi Smile edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Unathi Smile edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Unathi Smile edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Unathi Smile edited Xhosa subtitles for Level 2 Addition
Show all

Xhosa subtitles

Incomplete

Revisions