Return to Video

Basic Subtraction

  • 0:00 - 0:06
    wamkelekile kulo mboniso wezo Thabatho
  • 0:06 - 0:10
    Masikhe senza uphengululo olincinane kuqala ngoku dibanisa
  • 0:10 - 0:19
    ukuba ndithi Isine ndisidibanise nesiThathu, loonto ithetha ukuthini?
  • 0:19 - 0:21
    Ingaba zenza bani?
  • 0:21 - 0:23
    Zininzana iindlela ebesinokuyi jonga ngayo lento
  • 0:23 - 0:25
    Besinokuthi ndine Sine sezinto
  • 0:25 - 0:28
    masithi ndine zangqa ezine okanye
  • 0:28 - 0:30
    ndiye ndanee Lemon ezine zesidlo sakusasa
  • 0:30 - 0:36
    Eyokuqala, Eyesibini, Eyesithathu, Eyesine ilemon yesidlo sakusasa
  • 0:36 - 0:41
    masithi kwakhona, ndiye ndanee Lemon Ezintathu zesidlo sasemini
  • 0:41 - 0:46
    Eyokuqala, Eyesibini, Eyesithathu, loonto isibonisa ukuba Isine xa sidityaniswe nesiThathu
  • 0:46 - 0:48
    zisinika iiLemon ezingaphi?
  • 0:48 - 0:50
    ndizawukudibanisa isiThathu kwi Sine
  • 0:50 - 0:51
    Ingaba ndinezingaphi kwnani elipheleleyo?
  • 0:51 - 0:55
    Eyokuqala, Eyesibini, Eyesithathu, Eyesine, Eyesihlanu, Eyesithandathu, EyesiXhenxe
  • 0:55 - 0:59
    Lilonke ndinee Lemon exisi Xhenxe enanini.
  • 0:59 - 1:01
    olunye uhlobo ebesinokuyijonga ngayo besinoku
  • 1:01 - 1:04
    zoba umngca manani.
  • 1:04 - 1:07
    kwaye ndiyakuyizoba ngemigca ethyeli - leyo ke
  • 1:07 - 1:10
    ayiphangalelanga ngokwaneleyo.
  • 1:10 - 1:14
    ndizawukuyi zoba ngo thyeli kuba sithetha ngee Lemon.
  • 1:14 - 1:18
    masithi umngca manani wethu
  • 1:18 - 1:21
    kwaye ukuba ndiqala ngamanani -- mandi zobe onke amanani
  • 1:21 - 1:32
    Akhonto, Inye, Zimbini, Zintathu, Zine, Zinhlanu, Zintandathu, Zisixhenxe
  • 1:32 - 1:34
    ungakwazi ukuyicinga lento ngokuthi
  • 1:34 - 1:35
    sisemgceni manani.
  • 1:35 - 1:38
    siqala kwi nani lesine.
  • 1:38 - 1:39
    Linani Lesine.
  • 1:39 - 1:41
    kwaye songeza isiThathu kulo
  • 1:41 - 1:44
    sizawukunyuka ngomgca manani ngesiThathu.
  • 1:44 - 1:49
    Sizawukuthi, Inye, Zimbini, Zintathu udeuyokufika kwisiXhenxe.
  • 1:49 - 1:52
    lilonke ungathi ukuba ndine Sine kwaye ndifumane isiThathu, ndizokufumana IsiXhenxe.
  • 1:52 - 1:57
    Okanye ukuba ndinyusa Isine ngesi Thathu ndikwafumana IsiXhenxe.
  • 1:57 - 1:59
    Kengoku ingaba yintoni ukuthabatha?
  • 1:59 - 2:00
    kuba lomboniso yeyona nto ungayo.
  • 2:00 - 2:03
    Mandinga moshi ixesha lethu elininzi ndithetha ngoDibaniso
  • 2:03 - 2:06
    Masithathe umzekelo weSine uthabathe isiThathu.
  • 2:06 - 2:08
    Ingaba zenza bani?
  • 2:08 - 2:12
    mandi tshintshe imibala ukugcina izinto zinika umdla.
  • 2:12 - 2:19
    Kengoku ingaba Isine uthabathe isiThathu senza bani?
  • 2:19 - 2:23
    Ukuthabatha kuyi
  • 2:23 - 2:27
    lilonke xa udibanisi, wenza into eninzi, uyadibanisa.
  • 2:27 - 2:30
    Andifuni ukusebenzisa eligama loko ngezelela ukuchaza ukudibanisa, kodwa
  • 2:30 - 2:31
    yinto esiyenzayo leyo.
  • 2:31 - 2:34
    ukuba bendine Sine seeLamun kwakunye nesiThathu kwakhona.
  • 2:34 - 2:36
    Ekuthabatheni uthathela kude
  • 2:36 - 2:43
    lilonke lomzekelo, ukuba bendiqale ngeeLamuni eZine, masithi ndinee
  • 2:43 - 2:45
    Lamuni eZine esityeni.
  • 2:45 - 2:50
    Ukuba ndithabatha isiThathu, ukuba ndithi ndithabathe isiThathu endaweni yokuba
  • 2:50 - 2:54
    ndongeze ezi Zintathu ndikwa fumana isiXhenxe, ndizawukususa ezintathu.
  • 2:54 - 2:56
    umhlawumbi ndiyazitya okanye ndinikisa ngazo
  • 2:56 - 3:00
    kuwe uze unditshintshisele ngoku bukele le miboniso bhanyabhanya.
  • 3:00 - 3:04
    Thatha isiThathu kwesi Sine, masithi lena yona iyamnka
  • 3:04 - 3:07
    lena iyemnka, kwakunye nale iyemnka.
  • 3:07 - 3:10
    Zingaphi iiLamuni esizakubanazo ezishiyekileyo?
  • 3:10 - 3:12
    koko, yile yoda endingayi xananazanga
  • 3:12 - 3:17
    lilonke siza kuba ne Lamuni eNye eshiyekileyo.
  • 3:17 - 3:18
    Iyakuba yile Lamuni eshiyekileyo.
  • 3:18 - 3:19
    Ibinganyanzelekanga ukuba yileya, bendinokuyi susa
  • 3:19 - 3:21
    nokuba kukweziphi kwezi zintathu.
  • 3:21 - 3:25
    olunye uhlobo lokuyi jonga, masizobe kwalo
  • 3:25 - 3:28
    mgcamanani uLamuni ngokombala
  • 3:28 - 3:34
    masithi ngulo mgca manani apha.
  • 3:34 - 3:36
    kwaye ndizawu kuzoba kwala manani.
  • 3:36 - 3:47
    sizawuthi, Akhonto, Inye, Zimbini, Zintathu, Zine, Zinhlanu, Zintandathu, ZisiXhenxe
  • 3:47 - 3:50
    Kunjalo, umgcamanani uyaqhubekeka.
  • 3:50 - 3:51
    Akukho nani lakhe lalikhulu.
  • 3:51 - 3:55
    kwaye nawe ungayicinga, nokuba leliphi inani ongali cinga, mna
  • 3:55 - 3:57
    ndingacinga elinye elikhulu kunelo.
  • 3:57 - 3:58
    lilonke alikho inani elona lakhe lalikhulu.
  • 3:58 - 3:59
    yiyo loonto sizoba esisikhombisi apho.
  • 3:59 - 4:01
    Andinokwazi ukuzoba wonke umgcamanani.
  • 4:01 - 4:03
    kodwa ke, masibuyele ekuthabatheni.
  • 4:03 - 4:07
    siqala kengoku kwii Lamuni ezine, andithi?
  • 4:07 - 4:12
    Xa besidibanise isiThathu kwakunye nesiThathu --siye saya ekunene kwizikhewu eZine
  • 4:12 - 4:13
    emgceni manani.
  • 4:13 - 4:15
    kungenxa yokuba ekunene kulapho kunyuka khona ixabiso
  • 4:15 - 4:16
    Lilonke sisuke kwi Sine saya kwisiHlanu.
  • 4:16 - 4:17
    Ibiyenye eyongezelelekileyo.
  • 4:17 - 4:21
    KwisiHlanu uyokutsho kwisiThandathu ibisisibini esongezelelweyo, kwaye ukutsho kwisi Xhenxe yasisiThathu esongezelelweyo.
  • 4:21 - 4:24
    ngokusithathela kude isine.
  • 4:24 - 4:25
    Ingaba sizawukwenza ntoni?
  • 4:25 - 4:27
    Ucinga ukuba singenza ntoni?
  • 4:27 - 4:30
    Koko, njengokuba sithabatha sizakucutha
  • 4:30 - 4:32
    inani elipheleleyo leeLamuni esinazo.
  • 4:32 - 4:34
    Xa sithatha eNye, sifika kwezi Nthathu
  • 4:34 - 4:36
    Thatha ezimbini, sifika kweZimbini.
  • 4:36 - 4:39
    Thathela kude eziNtathu, sisuse eziNtathu, andithi?
  • 4:39 - 4:42
    kengoku sizawukubuyela, kweyokuqala, eyesibini, eyesiThathu apha emgceni manani
  • 4:42 - 4:44
    Sizawukushiyeka kweyokuQala
  • 4:44 - 4:47
    Yiyo ke le apha.
  • 4:47 - 4:52
    Masikhe sibuyela umva, ukudibanisa kuxa usenza okuninzi.
  • 4:52 - 4:55
    Ukuthabatha kuxa uthathela kude.
  • 4:55 - 4:58
    Ukuba uyayicinga apha emgceni manani, ukongeza kuxa
  • 4:58 - 5:01
    kunyukwa apha emgceni manani ngalo elo xabiso.
  • 5:01 - 5:04
    Kule kengoku imeko siyanyusa apha emgceni manani ngesiThathu.
  • 5:04 - 5:06
    Siye kengoku sasuka kwiSine ukuyo kutsho kwisiXhenxe.
  • 5:06 - 5:10
    Kwi meko yoku Thabatha siyacutha sibuyela umva apha
  • 5:10 - 5:11
    emgceni manani.
  • 5:11 - 5:14
    Siye kengoku sicuthe ngalo nani othabatha ngalo
  • 5:14 - 5:17
    Kule imeko sicutha ngesiThathu.
  • 5:17 - 5:21
    Sibuyele umva kweYokuqala, Yesibini, Yesithathu saze sashiyeka neNye.
  • 5:21 - 5:23
    Olunye ke uhlobo lokuyijonga, kuxa ndineZine izinto
  • 5:23 - 5:27
    Umhlawumbi ndinikeze ngezi Ntathu okanye ndiye ndazitya okanye andiyazi ukuba
  • 5:27 - 5:28
    ndenze ntoni kuzo
  • 5:28 - 5:31
    Umhlawumbi ziye zalahleka eziNtathu, ndizawukushiyeka neNye.
  • 5:31 - 5:33
    Mandikubonise kengoku izinto ezenza umdla
  • 5:33 - 5:35
    NgokuThabatha.
  • 5:35 - 5:38
    Siyazi ukuba iSine uthabathe isiThathu kushiyeka into enye.
  • 5:38 - 5:41
    Mandikubonise enye into eyenza umdla.
  • 5:41 - 5:46
    Kwizinto eZine uthabathe eNye kushiyeka ntoni?
  • 5:46 - 5:50
    Koko, singasebenzisa nokuba ngowuphi umzekelo.
  • 5:50 - 5:51
    Masenze umzekelo ngazo iiLamuni.
  • 5:51 - 5:54
    Masenze owama Apile ngoku, ndidikiwe ngulo weeLamuni.
  • 5:54 - 6:01
    Masithi, Inye, Zimbini, Zintathu, Zine.
  • 6:01 - 6:04
    Ndino siba lokubhala olutsha, ngamanye amaxesha aluzobi kakuhle.
  • 6:04 - 6:05
    Masithi ndina ma - Apile amane.
  • 6:05 - 6:07
    Nguwo lo umzekelo esiwenzayo
  • 6:07 - 6:09
    Ukuba kengoku ndiye ndatya elinye.
  • 6:09 - 6:11
    Kengoku elinye lawo belinokusuka.
  • 6:11 - 6:13
    Mangaphi ama-Apile endizakubanawo ashiyekileyo?
  • 6:13 - 6:16
    Koko, Isithathu -- Eyokuqala, Eyesibini, Eyesithathu.
  • 6:16 - 6:19
    Lilonke kweZine uthabathe Enye kushiyeka ezintathu
  • 6:19 - 6:22
    Kwaye ukuba besiyenza emgceni manani, umhlawumbi ukuba besiqale kwiSine kwaye
  • 6:22 - 6:24
    Sithabathe eNye -- sithabathe eNye
  • 6:24 - 6:26
    Lilonke siza kuba mncinane ngokweNye.
  • 6:26 - 6:28
    Sibuyele umva ngenye, sifumane eziNtathu.
  • 6:28 - 6:30
    Nokuba yeyiphi indlela iyasebenza.
  • 6:30 - 6:31
    Ingaba ayenzi umdla lento?
  • 6:31 - 6:38
    KweZine uthabathe eziNtathu kushiyeka eNye kwaye kweZine uthabathe eNye zenza eziNtathu.
  • 6:38 - 6:41
    Ungathi, koko, ndikhethe amanani nje ukwenzele isebenze?
  • 6:41 - 6:45
    Koko, kuya bonakala ukuba isoloko inyanisile.
  • 6:45 - 6:47
    Koko, andifuni ukuntsokotha, kodwa sesi
  • 6:47 - 6:51
    bamba umba ozokuwufunda kwixesha elizayo, umhlawumbi
  • 6:51 - 6:52
    kwi Algebra ngenye imini.
  • 6:52 - 6:55
    Kodwa ngokwe nyani andifuni ukuya kuloo nto ngoku.
  • 6:55 - 6:56
    kengoku, isuka phi lento?
  • 6:56 - 7:02
    Koko, ikwa phuma kulento yokuba isiThathu udibanise eNye
  • 7:02 - 7:04
    Andifuni ukukuBhidisa
  • 7:04 - 7:06
    Ndiya xolisa ukuba kwenzekile.
  • 7:06 - 7:07
    Kodwa ndiza kuku bonisa enye into eyenza umdla.
  • 7:07 - 7:11
    Yintoni isiThathu esidityaniswe nesiNye?
  • 7:11 - 7:13
    EziNtathu ezidityaniswe neNye zenza ntoni?
  • 7:13 - 7:13
    Noko, kulula oko.
  • 7:13 - 7:15
    Uyazela loonto kwezilula zobalo
  • 7:15 - 7:21
    Ungaqala emgceni mananikwisiThathu wandule ukongeza eNye
  • 7:21 - 7:22
    Ingaba kengoku uzawukuphelelaphi?
  • 7:22 - 7:23
    Uzawukuphelela kwiSine
  • 7:23 - 7:25
    Isithathu usidibanise neNye zikunika eZine.
  • 7:25 - 7:29
    Okanye ungaqala kweyokuqala emgcceni manani wandule ukongeza eziNtathu.
  • 7:29 - 7:33
    Eyokuqala, Eyesibini, EyesiThathu loonto izawukubeka KwiSine.
  • 7:33 - 7:37
    Lilonke siyazi ukuba ubunokuyi tshintsha ngolunye uhlobo
  • 7:37 - 7:39
    Zombini ezo zenza isine.
  • 7:39 - 7:40
    Ubona ntoni apha?
  • 7:40 - 7:43
    Koko, zininzi izinto endizibhalileyo apha, kwaye zonke
  • 7:43 - 7:44
    Ziyayelelelana
  • 7:44 - 7:46
    Enye uyidibanise neziNtathu zenza eZine.
  • 7:46 - 7:48
    EziNtathu uzudibanise kwakunye neNye zenza eZine.
  • 7:48 - 7:50
    Ezine uthabathe eNye zenza isiThathu.
  • 7:50 - 7:54
    Eyona nto, Ezine uthabathe eNye kwaye ufumane eziNtathu ikwayinto enye.
  • 7:54 - 7:59
    Ukwathetha into enye na xa usithi eziNtathu udibanise eNye zenza eZine.
  • 7:59 - 8:03
    La mazwana athi ukuba ndidibanise eNye kweziNtathu ndifumana eZine.
  • 8:03 - 8:08
    Ikukuthi lento ukuba ndithabathe eNye kweZine ndifumana eziNtathu.
  • 8:08 - 8:11
    Lilonke ukuba ndiqala kweZine, zendibuye umva, ndifumana eziNtathu.
  • 8:11 - 8:15
    Lento ithi ukuba ndiqala kwisiThathu ze ndinyukele phezulu ngeNye, ndizawukufumana eZine.
  • 8:15 - 8:18
    Ngethemba loonto izakunika ubuntwanana bolwazana
  • 8:18 - 8:20
    ngokuba yintoni ukuThabatha
  • 8:20 - 8:25
    Kumboniso bhanyabhanya olandelayo ndizawukwenza izibalo zokuThabatha ezilula zibe ninzana
  • 8:25 - 8:28
    iingxakana endinokuzenza kwimizuzwana elishumi
  • 8:28 - 8:30
    kwaye kengoku uzawukuba sele ukulungele ukwenza umsebenzi.
  • 8:30 - 8:35
    Ndizakukubona kungekudala
Title:
Basic Subtraction
Description:

Introduction to subtraction

more » « less
Video Language:
English
Duration:
08:32
yangazukelwa added a translation

Xhosa subtitles

Incomplete

Revisions