wamkelekile kulo mboniso kweZOBALO EZISELULA.
Ndiyazi ukuba ucingantoni:
"Sal, ukudibanisa akubonakali kulula kum"
Koko, ndiyaxolisa.
Ndine themba ukuba
ngethemba xa kuphela lo mboniso
okanye kwiiveki ezilandelayo, izakubonakala ilula
koko ke masikhe siqalise
ndicinga ukuba singathi, ezinye iingxaki
Koko, masithi ndizakuqala ngezakudala
uNye umdibanise kwakunye nomnye uNye
Ndicinga ukuba sele uyazi ukuba yenziwa njani lena yona
kodwa, ndizawukuku bonisa uhlobo lokuyenza lento,
umhlawumbi kwenzeke ukuba unganyanzeleki ukuba uyinqaye lento
okanye awukayichuli lento.
Uzawukuthi kengoko, ukuba ndine
nto eNye
(Masithi loonto yi Avocado.)
ukuba ndine Avocado eNye
kwaye umhlawumbi bekunokwenzeka ukuba undinike iAvocado eNye,
zingaphi ke iiAvocado endinazo kengoku?
Ngoko ke, masikhe sibone. NdineNye... ndineyeSibini iAvocado
ngoko ke, eNye uze uyidibanise neNye zenza ezimbini
Ndiyazi kengoku ukuba ucinga ntoni:
"Ibilula kakhulu ke noko"
Ngoko ke mandikhe ndikunike into engathi izakuba nzinyarhana kancinci
Ndiyazithanda ke iiAvocado. Ndithanda ukuncamathela kuwo lomba
Yintoni isiThathu esidityaniswe neSine?
Hmm. Ndicinga ukuba ingathi ithanda ukuba nzinyana kancinci le ingxaki.
Koko ke, masikhe sincamathele apha kwezi Avocado.
ukuba ke awuyazi ukuba yintoni iAvocado
Isi, Isisiqhamo esimnandi kakhulu.
Isesona siqhamo esakhe satyeba kakhulu kuzo zonke iziqhamo.
Umhlawumbi ubungayazi nokuba isisiqhamo --
nokuba umhlawumbi ubukhe watya yanye.
ngoko ke, masithi ndinee Avocado eziNtathu.
INye, Zimbini, Zintathu. Andithi? INye, Zimbini, Zintathu.
Masithi umhlawumbi ubuza kundinika iiAvocado eZine
ngoko ke, masibeke ezi Zine zibe Thyeli
ngoko ke, uyazi ukuba ezi zizo ezi undinike zona
Inye
Zimbini
zintathu
Zine
Lilonke zingaphi ke iiAvocado othe wandinika zona?
Ziyi, Inye, Zimbini, Zintathu, Zine, Zinhlanu, Zintandathu, ZisiXhenxe iiAvocado
ngoko ke, isiTHATHU usidibanise neSINE zenza iSIXHENXE.
Ngoku ke ndiza kukwazisa
kwenye indlela yokuyi cinga lento
Kuthiwa xa ibizwa nguMGCA MANANI.
Kwaye, ngokwenene, ndicinga ukuba lulo uhlobo endithi ndiyenze ngayo apha engqondweni yam,
xana ndilibala -- ukuba akunyanzelekanga ukuba ndiyinqaye.
ngoko ke apha emgceni manani, ndiye ndibhale nje amanani odwangokokulandelelana
kwaye ndinyukela phezulwana ngokwaneleyo khonu kuze
onke amanani endiwasebenzisayo abengaphakathi
ngoko ke uyazi ukuba inani lokuqala liqanda
inani elingekhoyo.
umhlawumbi ubungazi kodwa ke ngoku uyazi
wandule ukuya ku
NYE
ZIMBINI
ZINTATHU
ZINE
ZINHLANU
ZINTANDATHU
ZISIXHENXE
ZISIBHOZO
ZILITHOBA
ZILISHUMI
Iyaqhubekeka ke
ISHUMI ELINANYE
Ngoko ke, sithi ISITHATHU usidibanise neSINE. Masiqale ke kwi siTHATHU.
Ngoko ke ndine SITHATHU.
Kwaye ngoku ke sizawukongeza iSINE kuso esi SITHATHU.
Ngoko ke eyona nto siyenzayo kukukhulisa UMGCA MANANI,
okanye siye ekunene apha kumGCA MANANI, songeze ngeSINE.
Ngoko ke sithi, INYE...ZIMBINI...ZINTATHU...ZINE
Uyaqaphela ukuba eyona nto siyenzileyo kukuthi
sinyuse nje ngenani uNYE, ngeZIMBINI, ngeziNTATHU, ngeZINE.
saze kengoku sayokuqhina kwi SIXHENXE.
yiyo ke leyo impendulo yethu.
Singazenza kwanezinye ezahlukileyo.
Singathi, yintoni ---
Xa sinokubuza ukuba yintoni ISIBHOZO esidityaniswe noNYE?
Hmmm. ISIBHOZO esidityaniswe noNYE.
Koko ke, inokuba sele uyazi.
ISIBHOZO esidityaniswe noNYE ilinani nje elilandelayo [emveni kweSIBHOZO].
Kodwa ke ukuba ujonga uMGCA MANANI, uye uqale kwiSIBHOZO
wandule ukongeza ke uNYE.
ISIBHOZO usidibanise noNYE zenza iTHOBA.
Masikhe senze ke ezingathi zithanda ukuba nzima iingxaki.
Ukwenzele uyazi,
ukuba ke unokudinwana yile nto
ungakwazi ke ukuzoba izangqa,
ukwanokwazi nokwenza umgca manani,
kwaye emveni kwexesha, ngokuzilolonga kwakho
ngethemba lokuba uzawukuzi nqaya ezi,
kwaye uzawu kuzenza zonke ezi ngxaki ngaphantsi nje komzuzu.
ndiyakuthembisa. Kufuneka nje umane uzulolonga.
Masithi...
Ndifuna ukuzoba umgca manani kwakhona.
ndikwanayo into yokwenza umgca;
lonto ithetha ukuba anduzu kuninika imigca emibi
le kanye bendimane ndininika yona.
Jonga pha. Jonga pha. Yantle kakhulu.
Kulungile ke, mandijonge.
Yhini, yhini, yhea. Jonga apha.
Kulungile. Ngoko ke wamhle ke lomgca.
Ndizawukuva ubuhlungu xa kufuneka ndiwucime exesheni elizayo.
Ngoko ke mandizobe umgca manani.
Akhonto (Iqanda)
INYE
ZIMBINI
ZINTATHU
ZINE
ZINHLANU
ZINTANDATHU
ZISIXHENXE
ZISIBHOZO
ZILITHOBA
ZILISHUMI
ISHUMI ELINANYE
ISHUMI ELINESIBINI
ISHUMI ELINESITHATHU
ISHUMI ELINESINE
ISHUMI ELINESIHLANU
Masenze kengoku engathi izakuba nzinyana ingxaki.
Yintoni --
Ndizawukuyenza ngemibala eyehlukileyo ngoku.
ISIHLANU esidityaniswe neSITHANDATHU
Ngoko ke ukuba uyafuna, ungakwazi ukuwu misa lo mboniso bhanyabhanya uzame ukwenza lento.
Umhlawumbi ke sele uyazi impendulo.
Kwanaso isizathu sokuba ndithi yingxaki enzima noko le
kungenxa yokuba impendulo ingaphezu kwe
[amanani eminwe yakho kwizandla zakho zozibini]
Ngoko ke awunokwazi ukuyenza kwiminwe yakho.
masiqalise ke ngayo le ingxaki.
Unomyayi wam uyakhala.
kodwa anduzukuwu hoya lo nomyayi,
kuba nguwe obalulekileyo.
Ngoko ke, kulungile. Masiqale kwiSIHLANU.
Ngoko ke siqala kwiSIHLANU.
Kwaye sizawuku dibanisa iSITHANDATHU apha kuso.
Masiye kengoku. uNYE.
ZIMBINI
ZINTATHU
ZINE
ZINHLANU
ZINTANDATHU
Sikwi SHUMU ELINANYE !
Ngoko, ISIHLANU esidityaniswe neSITHANDATHU zenza ISHUMU ELINANYE.
Ngoku ke ndiza kuku buza umbuzo.
Yintoni iSITHANDATHU esidityaniswe neSIHLANU?
Huh...
Koko, sizakuyibona ngoku loonto, kulungile?
ungakwazi ukuwatshintsha la manani mabini
ukwafumana kwa impendulo enye?
Masikhe sizame.
Ndizawukuzama umbala owahlukileyo.
ukwenzele singa bhideki.
masiqale kwiSITHANDATHU.
Kulungile? sukuwuhoya lo mbala uthyeli okwangoku yengeza nje ISIHLANU apha kuso
INYE... ZIMBINI... ZINTATHU...ZINE... ZINHLANU
Aha. Sifika kwakwi ndawo enye.
Ndikwa cinga ukuba ungafuna ukuyizama lento
kwezi ngxaki zininzi
kwaye uzawukubona ukuba isoloko isebenza --
kwaye ayinamsebenzi nokuba loluphi uhlobo --
"iSIHLANU usidibanise neSITHANDATHU" ise kwayinto enye naxa usithi " ISITHANDATHU usidibanise neSIHLANU"
Kwaye loonto ke yenza umqondo.
Ukuba ndine SIHLANU seeAvocado ze ke wena undinike ezisi THANDATHU,
Ndiza kuba nezi liSHUMI ELINANYE.
Ukuba ke ndine ziSITHANDATHU seeAvocado ze ke wena undinike eziHLANU,
Ndiza kuba nezili SHUMI ELINANYE --
Masikhe senze ke ezimbalwa
kuba kaloku lomgca manani use wamnandi,
Ndifuna nje ukwenja ezinye nje iingxaki ndikwasebenzisa wona.
Nangona, njengokuba ndiwusebenzisa,
Ndiqinisekile ukuba ndizawukuqhubekeka ndikubhida
'kuba ndizawukubhala kakhulu apha kuwo phezulu. Kodwa --
Masikhe sibone. Ndizawu kusebenzisa omhlophe ngoku.
Yintoni --Yintoni ISIBHOZO esidityaniswe nesiXHENXE?
Koko, ukuba usayifunda lento, ISIBHOZO silapha kulendawo.
Andithi? Sizawu kongeza ISIXHENXE apha kuso.
INYE...ZIMBINI...ZINTATHU...ZINE...ZINHLANU...ZINTANDATHU...ZISIXHENXE.
Sizayukuya ke kwi SHUMI ELINESIHLANU.
ISIBHOZO esidityaniswe neSIXHENXE zenza iSHUMI ELINESIHLANU
Ngethemba ke ngoko, loonto ikunika umqondo
wokuba zenziwa njani ezi ndidi ngendidi zeengxaki.
Ngaphezu koko, ndiyacinga ukuba
futhi uzawukufunda kancinane ngezo phindaphindo.
Kodwa ke ezi ndidi zeengxaki zi
ngakumbi xa uqale kwezo balo
ziye zifune olona lolongo.
kwaye, kwezinye iindawo kuye kunyanzeleke ukuba uzinqaye.
Kodwa, emveni kwexesha. uyazi, xa ujonga ngemva,
ndifuna wena ukhumbule ukuba wawuziva njani na
uyenze loonto ngoku ubukele lomboniso bhanyabhanya
futhi ndifuna uwubukele lomboniso bhanyabhanya kwiminyaka emithathu ezayo
kwaye ukhumbule ukuba kwakunjani ngoku uwubukeleyo ngelithuba.
uzawukuthi "yho haysuka yayilula lento !"
'kuba uzawukufunda ngokukhawulezileyo.
Ngoko, ndicinga ukuba uyawubona ngoku umcimbi.
ukuba ke awuyazi impendulo
kuzo zonke ezi ngxaki zodibaniso,
siye sakunika kuzo kwezizibalo
ungacofa u"Krobise", kwaye izakuku zobela izangqa,
ungabe kengoku sele ubala zonke izangqa.
Okany, ukuba ufuna ukuzenzela ngokwakho,
ukwenzela uzenzele kakuhle ngokwakho
ungazi zoba izangqa,
okanye ungazoba umgca manani, --
njengoko senzile kulo mboniso.
Ndicinga ukuba ukulungele ukuhlasela le ngxaki yezobalo.
Uyonwabele !!