Do you speak Portuguese? Join the new Endeavor Brasil translation team!
Hide

Amara

Loading... Select your Languages
YouTube

Got a YouTube account?

New: enable viewer-created translations and captions on your YouTube channel!

Xhosa subtitles

← Basic Addition

View Subtitles (101)

Showing Revision 5, created 07/03/2012 by Retired user .

  1. Title:
  2. Description:

    None

  3. wamkelekile kulo mboniso kweZOBALO EZISELULA.

  4. Ndiyazi ukuba ucingantoni:

  5. "Sal, ukudibanisa akubonakali kulula kum"

  6. Koko, ndiyaxolisa.

  7. Ndine themba ukuba

  8. ngethemba xa kuphela lo mboniso

  9. okanye kwiiveki ezilandelayo, izakubonakala ilula

  10. koko ke masikhe siqalise

  11. ndicinga ukuba singathi, ezinye iingxaki

  12. Koko, masithi ndizakuqala ngezakudala

  13. uNye umdibanise kwakunye nomnye uNye

  14. Ndicinga ukuba sele uyazi ukuba yenziwa njani lena yona

  15. kodwa, ndizawukuku bonisa uhlobo lokuyenza lento,

  16. umhlawumbi kwenzeke ukuba unganyanzeleki ukuba uyinqaye lento

  17. okanye awukayichuli lento.

  18. Uzawukuthi kengoko, ukuba ndine

  19. nto eNye

  20. (Masithi loonto yi Avocado.)

  21. ukuba ndine Avocado eNye

  22. kwaye umhlawumbi bekunokwenzeka ukuba undinike iAvocado eNye,

  23. zingaphi ke iiAvocado endinazo kengoku?

  24. Ngoko ke, masikhe sibone. NdineNye... ndineyeSibini iAvocado

  25. ngoko ke, eNye uze uyidibanise neNye zenza ezimbini

  26. Ndiyazi kengoku ukuba ucinga ntoni:

  27. "Ibilula kakhulu ke noko"

  28. Ngoko ke mandikhe ndikunike into engathi izakuba nzinyarhana kancinci

  29. Ndiyazithanda ke iiAvocado. Ndithanda ukuncamathela kuwo lomba

  30. Yintoni isiThathu esidityaniswe neSine?

  31. Hmm. Ndicinga ukuba ingathi ithanda ukuba nzinyana kancinci le ingxaki.

  32. Koko ke, masikhe sincamathele apha kwezi Avocado.

  33. ukuba ke awuyazi ukuba yintoni iAvocado

  34. Isi, Isisiqhamo esimnandi kakhulu.

  35. Isesona siqhamo esakhe satyeba kakhulu kuzo zonke iziqhamo.

  36. Umhlawumbi ubungayazi nokuba isisiqhamo --

  37. nokuba umhlawumbi ubukhe watya yanye.

  38. ngoko ke, masithi ndinee Avocado eziNtathu.

  39. INye, Zimbini, Zintathu. Andithi? INye, Zimbini, Zintathu.

  40. Masithi umhlawumbi ubuza kundinika iiAvocado eZine

  41. ngoko ke, masibeke ezi Zine zibe Thyeli

  42. ngoko ke, uyazi ukuba ezi zizo ezi undinike zona

  43. Inye

  44. Zimbini

  45. zintathu

  46. Zine

  47. Lilonke zingaphi ke iiAvocado othe wandinika zona?

  48. Ziyi, Inye, Zimbini, Zintathu, Zine, Zinhlanu, Zintandathu, ZisiXhenxe iiAvocado

  49. ngoko ke, isiTHATHU usidibanise neSINE zenza iSIXHENXE.

  50. Ngoku ke ndiza kukwazisa

  51. kwenye indlela yokuyi cinga lento

  52. Kuthiwa xa ibizwa nguMGCA MANANI.

  53. Kwaye, ngokwenene, ndicinga ukuba lulo uhlobo endithi ndiyenze ngayo apha engqondweni yam,

  54. xana ndilibala -- ukuba akunyanzelekanga ukuba ndiyinqaye.

  55. ngoko ke apha emgceni manani, ndiye ndibhale nje amanani odwangokokulandelelana

  56. kwaye ndinyukela phezulwana ngokwaneleyo khonu kuze

  57. onke amanani endiwasebenzisayo abengaphakathi

  58. ngoko ke uyazi ukuba inani lokuqala liqanda

  59. inani elingekhoyo.

  60. umhlawumbi ubungazi kodwa ke ngoku uyazi

  61. wandule ukuya ku

  62. NYE

  63. ZIMBINI

  64. ZINTATHU

  65. ZINE

  66. ZINHLANU

  67. ZINTANDATHU

  68. ZISIXHENXE

  69. ZISIBHOZO

  70. ZILITHOBA

  71. ZILISHUMI

  72. Iyaqhubekeka ke

  73. ISHUMI ELINANYE

  74. Ngoko ke, sithi ISITHATHU usidibanise neSINE. Masiqale ke kwi siTHATHU.

  75. Ngoko ke ndine SITHATHU.

  76. Kwaye ngoku ke sizawukongeza iSINE kuso esi SITHATHU.

  77. Ngoko ke eyona nto siyenzayo kukukhulisa UMGCA MANANI,

  78. okanye siye ekunene apha kumGCA MANANI, songeze ngeSINE.

  79. Ngoko ke sithi, INYE...ZIMBINI...ZINTATHU...ZINE

  80. Uyaqaphela ukuba eyona nto siyenzileyo kukuthi

  81. sinyuse nje ngenani uNYE, ngeZIMBINI, ngeziNTATHU, ngeZINE.

  82. saze kengoku sayokuqhina kwi SIXHENXE.

  83. yiyo ke leyo impendulo yethu.

  84. Singazenza kwanezinye ezahlukileyo.

  85. Singathi, yintoni ---

  86. Xa sinokubuza ukuba yintoni ISIBHOZO esidityaniswe noNYE?

  87. Hmmm. ISIBHOZO esidityaniswe noNYE.

  88. Koko ke, inokuba sele uyazi.

  89. ISIBHOZO esidityaniswe noNYE ilinani nje elilandelayo [emveni kweSIBHOZO].

  90. Kodwa ke ukuba ujonga uMGCA MANANI, uye uqale kwiSIBHOZO

  91. wandule ukongeza ke uNYE.

  92. ISIBHOZO usidibanise noNYE zenza iTHOBA.

  93. Masikhe senze ke ezingathi zithanda ukuba nzima iingxaki.

  94. Ukwenzele uyazi,

  95. ukuba ke unokudinwana yile nto

  96. ungakwazi ke ukuzoba izangqa,

  97. ukwanokwazi nokwenza umgca manani,

  98. kwaye emveni kwexesha, ngokuzilolonga kwakho

  99. ngethemba lokuba uzawukuzi nqaya ezi,

  100. kwaye uzawu kuzenza zonke ezi ngxaki ngaphantsi nje komzuzu.

  101. ndiyakuthembisa. Kufuneka nje umane uzulolonga.

  102. Masithi...

  103. Ndifuna ukuzoba umgca manani kwakhona.

  104. ndikwanayo into yokwenza umgca;

  105. lonto ithetha ukuba anduzu kuninika imigca emibi

  106. le kanye bendimane ndininika yona.

  107. Jonga pha. Jonga pha. Yantle kakhulu.

  108. Kulungile ke, mandijonge.

  109. Yhini, yhini, yhea. Jonga apha.

  110. Kulungile. Ngoko ke wamhle ke lomgca.

  111. Ndizawukuva ubuhlungu xa kufuneka ndiwucime exesheni elizayo.

  112. Ngoko ke mandizobe umgca manani.

  113. Akhonto (Iqanda)

  114. INYE

  115. ZIMBINI

  116. ZINTATHU

  117. ZINE

  118. ZINHLANU

  119. ZINTANDATHU

  120. ZISIXHENXE

  121. ZISIBHOZO

  122. ZILITHOBA

  123. ZILISHUMI

  124. ISHUMI ELINANYE

  125. ISHUMI ELINESIBINI

  126. ISHUMI ELINESITHATHU

  127. ISHUMI ELINESINE

  128. ISHUMI ELINESIHLANU

  129. Masenze kengoku engathi izakuba nzinyana ingxaki.

  130. Yintoni --

  131. Ndizawukuyenza ngemibala eyehlukileyo ngoku.

  132. ISIHLANU esidityaniswe neSITHANDATHU

  133. Ngoko ke ukuba uyafuna, ungakwazi ukuwu misa lo mboniso bhanyabhanya uzame ukwenza lento.

  134. Umhlawumbi ke sele uyazi impendulo.

  135. Kwanaso isizathu sokuba ndithi yingxaki enzima noko le

  136. kungenxa yokuba impendulo ingaphezu kwe

  137. [amanani eminwe yakho kwizandla zakho zozibini]

  138. Ngoko ke awunokwazi ukuyenza kwiminwe yakho.

  139. masiqalise ke ngayo le ingxaki.

  140. Unomyayi wam uyakhala.

  141. kodwa anduzukuwu hoya lo nomyayi,

  142. kuba nguwe obalulekileyo.

  143. Ngoko ke, kulungile. Masiqale kwiSIHLANU.

  144. Ngoko ke siqala kwiSIHLANU.

  145. Kwaye sizawuku dibanisa iSITHANDATHU apha kuso.

  146. Masiye kengoku. uNYE.

  147. ZIMBINI

  148. ZINTATHU

  149. ZINE

  150. ZINHLANU

  151. ZINTANDATHU

  152. Sikwi SHUMU ELINANYE !

  153. Ngoko, ISIHLANU esidityaniswe neSITHANDATHU zenza ISHUMU ELINANYE.

  154. Ngoku ke ndiza kuku buza umbuzo.

  155. Yintoni iSITHANDATHU esidityaniswe neSIHLANU?

  156. Huh...

  157. Koko, sizakuyibona ngoku loonto, kulungile?

  158. ungakwazi ukuwatshintsha la manani mabini

  159. ukwafumana kwa impendulo enye?

  160. Masikhe sizame.

  161. Ndizawukuzama umbala owahlukileyo.

  162. ukwenzele singa bhideki.

  163. masiqale kwiSITHANDATHU.

  164. Kulungile? sukuwuhoya lo mbala uthyeli okwangoku yengeza nje ISIHLANU apha kuso

  165. INYE... ZIMBINI... ZINTATHU...ZINE... ZINHLANU

  166. Aha. Sifika kwakwi ndawo enye.

  167. Ndikwa cinga ukuba ungafuna ukuyizama lento

  168. kwezi ngxaki zininzi

  169. kwaye uzawukubona ukuba isoloko isebenza --

  170. kwaye ayinamsebenzi nokuba loluphi uhlobo --

  171. "iSIHLANU usidibanise neSITHANDATHU" ise kwayinto enye naxa usithi " ISITHANDATHU usidibanise neSIHLANU"

  172. Kwaye loonto ke yenza umqondo.

  173. Ukuba ndine SIHLANU seeAvocado ze ke wena undinike ezisi THANDATHU,

  174. Ndiza kuba nezi liSHUMI ELINANYE.

  175. Ukuba ke ndine ziSITHANDATHU seeAvocado ze ke wena undinike eziHLANU,

  176. Ndiza kuba nezili SHUMI ELINANYE --

  177. Masikhe senze ke ezimbalwa

  178. kuba kaloku lomgca manani use wamnandi,

  179. Ndifuna nje ukwenja ezinye nje iingxaki ndikwasebenzisa wona.

  180. Nangona, njengokuba ndiwusebenzisa,

  181. Ndiqinisekile ukuba ndizawukuqhubekeka ndikubhida

  182. 'kuba ndizawukubhala kakhulu apha kuwo phezulu. Kodwa --

  183. Masikhe sibone. Ndizawu kusebenzisa omhlophe ngoku.

  184. Yintoni --Yintoni ISIBHOZO esidityaniswe nesiXHENXE?

  185. Koko, ukuba usayifunda lento, ISIBHOZO silapha kulendawo.

  186. Andithi? Sizawu kongeza ISIXHENXE apha kuso.

  187. INYE...ZIMBINI...ZINTATHU...ZINE...ZINHLANU...ZINTANDATHU...ZISIXHENXE.

  188. Sizayukuya ke kwi SHUMI ELINESIHLANU.

  189. ISIBHOZO esidityaniswe neSIXHENXE zenza iSHUMI ELINESIHLANU

  190. Ngethemba ke ngoko, loonto ikunika umqondo

  191. wokuba zenziwa njani ezi ndidi ngendidi zeengxaki.

  192. Ngaphezu koko, ndiyacinga ukuba

  193. futhi uzawukufunda kancinane ngezo phindaphindo.

  194. Kodwa ke ezi ndidi zeengxaki zi

  195. ngakumbi xa uqale kwezo balo

  196. ziye zifune olona lolongo.

  197. kwaye, kwezinye iindawo kuye kunyanzeleke ukuba uzinqaye.

  198. Kodwa, emveni kwexesha. uyazi, xa ujonga ngemva,

  199. ndifuna wena ukhumbule ukuba wawuziva njani na

  200. uyenze loonto ngoku ubukele lomboniso bhanyabhanya

  201. futhi ndifuna uwubukele lomboniso bhanyabhanya kwiminyaka emithathu ezayo

  202. kwaye ukhumbule ukuba kwakunjani ngoku uwubukeleyo ngelithuba.

  203. uzawukuthi "yho haysuka yayilula lento !"

  204. 'kuba uzawukufunda ngokukhawulezileyo.

  205. Ngoko, ndicinga ukuba uyawubona ngoku umcimbi.

  206. ukuba ke awuyazi impendulo

  207. kuzo zonke ezi ngxaki zodibaniso,

  208. siye sakunika kuzo kwezizibalo

  209. ungacofa u"Krobise", kwaye izakuku zobela izangqa,

  210. ungabe kengoku sele ubala zonke izangqa.

  211. Okany, ukuba ufuna ukuzenzela ngokwakho,

  212. ukwenzela uzenzele kakuhle ngokwakho

  213. ungazi zoba izangqa,

  214. okanye ungazoba umgca manani, --

  215. njengoko senzile kulo mboniso.

  216. Ndicinga ukuba ukulungele ukuhlasela le ngxaki yezobalo.

  217. Uyonwabele !!